Tuesday, February 26, 2013

Umntu kufuneka ayazi ibhayibhile yakhe.


Nanku losisi unxibe iskirt esifutshane esithi kuthiwa sisigcebhezana
ucela ilift endleleni, nini nini kumise imoto eqhutywa ngumfana.



Angene emotweni esithi uya ngasedolophini, iliso likaBhutana limana lisithi
krwaqu lisiba ukujonga usisi apha emazantsi, uyasazi ke isigcebhezana sibanjani xa usisi ehleli phantsi. Ubhuti wayemana uphazama nokutshintsha iigears kuba iliso liyaphazamiseka.

Ubhuti uyabila nokubila ngoku kuba kaloku osisi its an open secret abazinxibi bathi bayaphola. Uphandlwa yilonto uBhuti lo. Sebesondele edolophini uSisi axelele umfana ukuba uyehla kwinext stop. Xa esihla usisi athi ndicela uyokufunda uMateyu 7 : 7. Ahambe umfana xa efika kokwabo ufuna ibhayibhile xa efunda ithi " cela uzokuphiwa, funa uzokufumana, nkqonkqoza uzokuvulelwa"


Wakhala yedwa esithi "tsi izinto zamashwa
madoda"

0 Comments:

Post a Comment

Subscribe to Post Comments [Atom]

<< Home